25,99 €
inkl. MwSt.
Versandkostenfrei*
Versandfertig in 1-2 Wochen
payback
13 °P sammeln
  • Gebundenes Buch

INGCACISO Le mibongo ibhalwe apha iguqulelwe yasiwa esiXhoseni. Ithatyathwe kwezi ncwadi; Strange Things; When Rains Come; Dancing With Hyenas; The Last Chapter, kwakunye neminye engekapapashwa. Yonke ibhalwe yaguqulwa nguMzi Mahola. Lo kaMahola uthi le ncwadi lizibulo lakhe ekubongeni, kodwa isimbo sidiza ukuba ungumakad' enethwa kubhalo lwencwadi. Umbhali lo usebenzisa uthetha-thethwano ukutsala umdla kumfundi. Mve xa esithi, "Uvela phi ezinzulwini zobusuku?" Kwisithandwa sam. "Ngoku?" Le mbongi igxila ngokufihla isithethe ngamava ayo entlalo yobomi. Esi sakhono sivela xa esithi, "Ethwel'…mehr

Produktbeschreibung
INGCACISO Le mibongo ibhalwe apha iguqulelwe yasiwa esiXhoseni. Ithatyathwe kwezi ncwadi; Strange Things; When Rains Come; Dancing With Hyenas; The Last Chapter, kwakunye neminye engekapapashwa. Yonke ibhalwe yaguqulwa nguMzi Mahola. Lo kaMahola uthi le ncwadi lizibulo lakhe ekubongeni, kodwa isimbo sidiza ukuba ungumakad' enethwa kubhalo lwencwadi. Umbhali lo usebenzisa uthetha-thethwano ukutsala umdla kumfundi. Mve xa esithi, "Uvela phi ezinzulwini zobusuku?" Kwisithandwa sam. "Ngoku?" Le mbongi igxila ngokufihla isithethe ngamava ayo entlalo yobomi. Esi sakhono sivela xa esithi, "Ethwel' ubhaka emqolo Okwenyosi ivela kuhlangula." Yiva kwakhon' intsingisel' efihlakeleyo xa esithi, "Iinkowan' ezinetyhefu zintshula phantsi kwamabunga." Uthi akuntyuntya ngeentaba zebhukazana angabi nako ukuzikhwebula kwiinkumbulo zobuntwana. Uzoba ubume beentaba, izilwanyana, ubomi nobuntwana ade azive umfundi engene tshwa kwawakhe amava amandulo. Kukwanjalo xa abona ukuvuthuluka kwezakhiwo zexabiso kwisikolo awayefunda kuso. Ude athi kumthandazo wakhe, "Bawo sixolele, sasingazi ukuba sityala intshabalalo." Ungathabatheka xa umva esithi, "Ibali elityhafileyo liyabuna emlonyeni wegangxa." Unyanisile kuba kwimibongo yakhe umfundi akasayi kozela alale. Sinethemba lokuba le ncwadi iza kwengeza kuncwadi olukhoyo lwesiXhosa, yaye iza kuvuselela ubhalo nofundo lolwimi lwethu. NguMbulelo Nzo INTSHAYELELO UMzi Mahola uzenzele igama ngokuthi abe ngomnye wababhali baseMzantsi Afrika abaziwayo ehlabathini. Le ncwadi ayibiza ngegama elithi, "Ezingaqhelekanga," lilinge elingaqhelekanga lokubona umbhali eguqulela umsebenzi wakhe kolunye ulwimi ukuze ube licham nakwisizwe sakowabo esilwimi lusisiXhosa. Phantse iminyaka yaba ngamashumi amane uMzikayise Mahola, obhala phantsi kwegama elinguMzi, ebhala imibongo ngolwimi lwesiNgesi. Incwadi yakhe yokuqala yemibongo ethiywe ngegama elithi, "Strange Things" yonyulwa ukuba ibe yenye yezo zaya kumela uMzantsi Afrika kumboniso weencwadi zehlabathi eGeneva ngowe-1995. Enye incwadi yakhe esihloko sithi, "When Rains Come" yaphumelela iwonga elibizwa ngo-Olive Schreiner ngowama-2000 ukuya kowama-2001. Waphinda wabhala enye, nayo eyemibongo ethi, "Dancing in the Rain," kwaza kwalandela ethi, "Last Chapter." Eminye yemibongo kaMahola yaye yaguqulelwa kwiilwimi ezintandathu (6) ezizezi: IsiJamani, isiTurkey, iSpanish, Norwegian, Danish kwanesiMalayalam sase Indiya. Eminye imibongo imana ifakwa liSebe lezeMfundo ukuba ifundwe ngabafundi besiGaba se-11
Autorenporträt
UMBULELO Ndithi mandenze umbulelo ngomoya nangomphefumlo wam wonke kuNjingalwazi Linda Kwatsha. Uthe akuva ukuba umntwana uzelwe, wabeka phantsi yonke into ebeyenza waza kwamkela le mveku. UNjingalwazi Kwatsha endimbiza ngamagama amaninzi, uSisi Linda, uMaDuna, okanye Professor sisikhakhamela kulwimi lwesiXhosa eNMU. Sineminyaka eyileyo kumashumi amabini sisazana, kweminye yayo saye sasebenza kunye. Saqala ukudibana kumbutho wababhali owawubizwa ngokuba yiBhala. Emveni koko waye wandithemba ukuba ndihambe ndingena ezikolweni zamabanga aphezulu ezikule Metro ukuze ndilobe, ndikhulise ndikhuthaze abafundi abanezakhono zokubhala, ukubonga kwakunye nokubalisa amabali. Ndiyabulela MaDuna kuba olo cweyo lwabafundi lwaba likhubalo nakwesam isiphiwo sokubhala. Manditsho ngokuphandle ukuba ndim oyena mntu wafumana isivuno esihle esikhuthazayo ngaphezu kwabafundi. Ndibamba ngazo zozibini, Sis' Linda ngokuchitha ixesha lakho uqinisekisa ukuba le ncwadi iza kuyihamba le ndlela ide iye kushicilelwa. Bendingenathemba lokuba ingafumana inyoba ishicilelwe ngexesha elinzima kangaka leCovid-19. Silapha namhlanje ngenxa yegalelo lakho. Mandiphinde ndibulele nakuMaDuma, uGqirhalwazi Lwandlekazi Notshe esazana kakhulu naye ngokuzalana. Ndinibulela ngokugilana kwenu ngalo msebenzi usihlanganise apha. Nincame ixesha lenu nemisebenzi ebalulekileyo ngokungathi kukho isibonelelo enithenjiswe sona. Silapha namhlanje ngenxa yokuba niyithabathele kuni le ncwadi ukuze nikhangele iziphene neempazamo zombhali. Ndiyabulela kakhulu ngexesha lenu. Kumnandi ukuba nesihlobo esingaphezu kwakho ngolwazi nangeminyaka. Kuthiwa inyathi ibuzwa kwabayibonileyo. Kudala wayihamba le ndlela uJikijwa. Ungumakhwekhwetha wokugubhulula imisebenzi yabantu nemibutho, eze nayo ebantwini iyincwadi ebhaliweyo (research). Ukwangumbhali wemibongo namabali amafutshane. Ngekwaba nzima ukuyibhala le ncwadi ngaphandle kokuxhaswa nguye. Ndathi nangexesha lokushiywa ngowakwam akaphela kwam. Waquqa phantse yonk' imihla waba yintsika, wandixhasa ndada ndomelela. Umhlobo wenene umbona ngamaxesha obunzima ebomini bakho. Ndidibene notata uMbulelo Nzo, iJola, kwiBhala kucweyo neentlanganiso zababhali balo mbutho. Ndaye ndazenza le ntlanzi kuthiwa yi-pilot fish. Le ncwadi sesinye seziphumo zokusondela kwam kuye. Ndibulela abashicileli abathe bandivulela inyoba ndingenathemba lokuba kukho nto engenziwayo ngale ncwadi ngenxa yesi sithwakumbe siyi-Covid-19. Ndithi nangamso. Ndibamba ngazo zozibini kwabakwaSeulaula